1 Yookumkani 19:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. UYehu uya kubabulala bonke abasinde kwikrele likaHazayeli, aze yena uElisha ababulale abo basinde kwikrele likaYehu.

18. Kambe ke kwaSirayeli apha ndozigcinela loo mawaka asixhenxe abantu abamadolo angazange aguqe kuBhali, nabamilomo ingazange iwange umfanekiso wakhe.”

19. Ngoko ke uEliya waphuma apho, waza wadibana naye uElisha unyana kaShafati. Wayelima ngezipani ezilishumi elinambini, isipani ngasinye sineenkabi ezimbini, inguye ngokwakhe oqhuba esi seshumi elinambini. UEliya waya kuye ngqo, wafika wamambathisa ngomnweba wakhe.

1 Yookumkani 19