17. Akubona uEliya uAhabhi wathi: “Ngaba nguwe lowo, wena ohlisela amaSirayeli intlekele?”
18. UEliya waphendula ngelithi: “Khange ndiwahlisele mna intlekele amaSirayeli. Kodwa nguwe nendlu kayihlo lo uhlisele amaSirayeli intlekele. Imithetho kaNdikhoyo uyityeshele, waza walandelana nooBhali.
19. Khawubaqokelele bonke abantu bakwaSirayeli, ukuze ndihlangane nabo phezu kwentaba iKarmele. Uze ungabashiyi abashumayeli bakaBhali abamakhulu mane namashumi amahlanu, kananjalo nabashumayeli baka-Ashera abamakhulu mane, abo batya kwisithebe sikaJezebhele.”
20. Ngoko ke uAhabhi wathumela ilizwi kuSirayeli ephela, wabaqokelela kwintaba iKarmele bonke abashumayeli.
21. UEliya wasondela kubo ke abo bantu, waza wathi: “Koda kube nini na nimbaxa! Ukuba uNdikhoyo nguye uThixo, landelani yena; kanti ke ukuba uBhali nguThixo, landelani yena kaloku.” Kwasuka kwathi cwaka.
22. UEliya wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ndodwa umshumayeli kaNdikhoyo oshiyekileyo, kodwa ke yena uBhali usenabashumayeli abangamakhulu amane anamashumi amahlanu.
23. Sinikeni iinkunzana zeenkomo zibe mbini. Abashumayeli bakaBhali mabazikhethele ibe nye, baze bayixhele bayixhaxhe, bayibeke phezu kweenkuni, kodwa bangaphembi mlilo. Nam ke ndozilungiselela enye inkunzana leyo, ndiyixhaxhe, ndiyibeke phezu kweenkuni, kodwa ndingaphembi mlilo.
24. Ze ke nibize igama lothixo wenu, nam ndibize igama likaNdikhoyo. Ke uThixo othe waphendula ngomlilo ngoyena-yena Thixo!”Ke abantu baphendula bathi: “La mazwi uwathethileyo mahle.”
25. UEliya wabhekisa kubashumayeli bakaBhali wathi: “Makuqale nina baninzi, nizikhethele inkunzana ibe nye, nizilungiselele yona. Nakugqiba ke, bizani igama lothixo wenu, kodwa ningawuphembi umlilo.”
26. Ngenene ke bayithatha eyabo inkunzana yenkomo, bayixhela, bayixhaxha.Baza ke banqula igama likaBhali, besukela kusasa kwada kwasemini emaqanda, besithi: “Khawuncede usiphendule, Bhali!” Kodwa ke akwabikho mpendulo, akwabikho bani usabelayo. Hayi ke, baxhentsa bejikeleza elo qonga babelenzile.
27. Emini emaqanda uEliya waphoxisa ngabo esithi: “Khanibe ngathi niyakhwaza. Kaloku nguthixo lo! Mhlawumbi usaminxwe ziingcinga, okanye ziingxaki, angathi kanti useseluhambeni. Mhlawumbi usalele, abe ke usavuswa.”
28. Ngoko ke bathath' unyawo ukukhwaza, bezicenta ngemikhonto namakrele ngokwesiko labo, lada latsaza igazi kubo.
29. Yadlula imini emaqanda, bona baqhubela phambili betaka-taka bekrotsha lada lafika ixesha lamadini asemalanga. Kodwa nangoko kwathi cwaka, akwabikho mpendulo, akwabikho bani usabelayo.
30. Ke uEliya wabhekisa kubo bonke abantu, wathi: “Yizani kum apha.” Beza kuye bonke, waza ke yena walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliselonakele.
31. UEliya wathatha amatye alishumi elinambini, ngalinye limele indlu kwezo zizwe zikaYakobi, yena lowo wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Igama lakho kothiwa unguSirayeli.”