Sinikeni iinkunzana zeenkomo zibe mbini. Abashumayeli bakaBhali mabazikhethele ibe nye, baze bayixhele bayixhaxhe, bayibeke phezu kweenkuni, kodwa bangaphembi mlilo. Nam ke ndozilungiselela enye inkunzana leyo, ndiyixhaxhe, ndiyibeke phezu kweenkuni, kodwa ndingaphembi mlilo.