1 Yookumkani 17:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uEliya waseTishbhi eGiliyadi wathetha noAhabhi, wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, lo ndimkhonzayo, kuza kubakho imbalela kungabikho mbethe namvula kule minyaka izayo kungengalo ilizwi lam.”

2. UEliya wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:

3. “Mka kule ndawo, ubheke ngasempuma, uye kuzimela ngasentlanjeni iKeriti kwimpuma yomlambo iJordan.

4. Apho ke uya kusela kuloo ntlambo; futhi ke amahlungulu ndiwayalele ukuba akondle.”

5. Ngoko ke uEliya wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Wahamba waya kuloo ntlambo yaseKeriti kwimpuma yeJordan, wahlala khona apho.

6. Ke amahlungulu amphathela isonka nenyama kusasa, aza amzisela isonka nenyama emalanga, esela kuloo ntlambo.

7. Kuthe ke ngokuhamba kwexesha yatsha loo ntlanjana, kuba kwakungekho mvula kwelo lizwe.

8. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuye lisithi:

9. “Hamba uye eZarfati eSidon, uhlale khona. Nalapho ndiyalele umhlolokazi wakhona ukuba akuphe ukutya.”

10. Ngoko ke wahamba waya eZarfati. Ekufikeni kwakhe ke esangweni lesixeko eso, wafika kukho mhlolokazi uthile echola-chola iintsasa. Wambiza waza wathi: “Khawundiphathele amanzi ngendebe ukuze ndisele.”

11. Uphinde wayaleza xa ahambayo wathi: “Uze uncede undiphathele neqhekeza lesonka.”

12. Waphendula wathi: “Ngenene, ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, andinaso isonka. Into ekhoyo ngumgubo ongephi osengqayini, kunye nentwana yamafutha omnquma asendebeni. Undibona ndichola-chola ezi ntsasa nje, ndenzela ukuba ndigoduke nazo, ndize ndiphekele mna nonyana wam lo, ukuze sitye sife ke emva koko.”

13. UEliya wathi kuye: “Musa ukoyika. Goduka wenze njengoko uthethile. Kodwa ke kuqala yenzela mna iqebengwana lesonka ngaloo nto unayo, uze ulizise apha kum, kamva ke wenzele wena nonyana wakho lowo.

1 Yookumkani 17