1 Yookumkani 15:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ke kaloku kwakusoloko kuyimfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula kwabo.

17. Ukumkani uBhayesha waya kwaJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.

18. Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko.

19. Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”

20. UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, wayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti iphela, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.

21. Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wahlehlela eTirza.

1 Yookumkani 15