Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko.