1. Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam unyana kaNebhati, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,
2. waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
3. Naye wathatha ikhondo likayise, wenza kwaezo zono wayezenzile. Zange ayinikezele ngokupheleleyo intliziyo yakhe *kuNdikhoyo uThixo wakhe njengokuba yena uDavide uyise-mkhulu wenjenjalo.
4. Kambe ke ngenxa kaDavide, uNdikhoyo uThixo wakhe wambekela ihlumelo eJerusalem ngokumvelisela unyana wokuthatha indawo yakhe, kananjalo nangokuyizinzisa iJerusalem.
5. Kaloku uDavide yena wayenyanisekile ekuthobeleni uNdikhoyo, engagqwidizi ekwenzeni imithetho kaNdikhoyo ngayo yonke imihla yobomi bakhe, ngaphandle nje kwalaa mbandela kaUriya umHiti.
6. Yaba luzenge-zenge lwemfazwe phakathi kukaRehobhowam noJerobhowam ngayo yonke imihla ka-Abhiya.
7. Ezinye zeziganeko zokulawula kuka-Abhiya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noJerobhowam.
8. Ke uAbhiya waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa kwisixeko sikaDavide, unyana wakhe uAsa wathatha indawo yakhe wangukumkani.
9. Ngonyaka wamashumi amabini uJerobhowam elawula kwaSirayeli, ukumkani uAsa waqalisa ukulawula kwaJuda,
10. waza walawula iminyaka emashumi mane nanye. Unina-khulu yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
11. Ke kaloku uAsa yena waxelisa uyise-mkhulu uDavide, wathobela *uNdikhoyo,
12. wazidenda izibingelelo zamahenyu angamadoda kumhlaba wakhe, wayisusa nemifanekiso ezizithixo eyayenziwe ngooyise.
13. Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
14. Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.