1 Yookumkani 14:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ke uAhiya akuziva izingqi zakhe engena emnyango, wabhekisa kuye wathi: “Ngena, umka-Jerobhowam. Kutheni uzenza mntu wumbi nje? Kanti ke ndiphathiswe udaba olubuhlungu ngawe.

7. Yiya umxelele uJerobhowam ukuba uNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Ndakuphakamisa ndakukhupha ebantwini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli.

8. Umbuso ndawukrazula kwindlu kaDavide, ndawunikela kuwe. Kambe ke wena awuziphathanga njengesicaka sam uDavide. Yena wayeyithobela imithetho yam, endilandela ngomxhelo wakhe uphela, kuphela esenza oko kundikholisayo.

9. Ke wena ngokwenza izinto ezimbi ubalasele kubo bonke ababengaphambi kwakho. Usuke wazenzela thixo bambi, imifanekiso eyenziwe ngesinyithi. Ngale nto ke undicaphukisile; kaloku wena usuke wandifulathela.

10. “ ‘Ngenxa yale nto ke ndiza kuyizisela isithwakumbe indlu kaJerobhowam. UJerobhowam ndiza kumbulalela yonke into eyindoda kwaSirayeli, okhululekileyo nekhoboka lembala. Indlu kaJerobowam ndoyivuthulula ngokungathi kukutsha komgquba; ewe, ndoyilenca iphele tu.

11. Abendlu kaJerobhowam abafela esixekweni botyiwa zizinja, kanti ke bona abafela emaphandleni baya kuxhwithwa ziintaka. Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.’

12. “Ke wena okokwakho goduka! Uya kuthi usathi cakatha nje esixekweni, ife inkwenkwe leyo.

1 Yookumkani 14