1 Yookumkani 14:5-14 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kambe ke *uNdikhoyo wathi kuye: “Unyana kaJerobhowam akaphilanga. Ke umka-Jerobhowam nanko esiza kuwe, eze kukubuza ngoko kugula konyana wakhe. Ke uze umphendule ngolu hlobo. Ekufikeni kwakhe uza kuzenza mntu wumbi.”

6. Ke uAhiya akuziva izingqi zakhe engena emnyango, wabhekisa kuye wathi: “Ngena, umka-Jerobhowam. Kutheni uzenza mntu wumbi nje? Kanti ke ndiphathiswe udaba olubuhlungu ngawe.

7. Yiya umxelele uJerobhowam ukuba uNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Ndakuphakamisa ndakukhupha ebantwini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli.

8. Umbuso ndawukrazula kwindlu kaDavide, ndawunikela kuwe. Kambe ke wena awuziphathanga njengesicaka sam uDavide. Yena wayeyithobela imithetho yam, endilandela ngomxhelo wakhe uphela, kuphela esenza oko kundikholisayo.

9. Ke wena ngokwenza izinto ezimbi ubalasele kubo bonke ababengaphambi kwakho. Usuke wazenzela thixo bambi, imifanekiso eyenziwe ngesinyithi. Ngale nto ke undicaphukisile; kaloku wena usuke wandifulathela.

10. “ ‘Ngenxa yale nto ke ndiza kuyizisela isithwakumbe indlu kaJerobhowam. UJerobhowam ndiza kumbulalela yonke into eyindoda kwaSirayeli, okhululekileyo nekhoboka lembala. Indlu kaJerobowam ndoyivuthulula ngokungathi kukutsha komgquba; ewe, ndoyilenca iphele tu.

11. Abendlu kaJerobhowam abafela esixekweni botyiwa zizinja, kanti ke bona abafela emaphandleni baya kuxhwithwa ziintaka. Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.’

12. “Ke wena okokwakho goduka! Uya kuthi usathi cakatha nje esixekweni, ife inkwenkwe leyo.

13. USirayeli ephela uya kuyililela, aze ke ayingcwabe. KwaJerobhowam kuphela kwayo eya kungcwatywa. Kaloku kwindlu kaJerobhowam iphela kukuyo yodwa apho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli athe wafumana into elungileyo.

14. “UNdikhoyo uza kuzivelisela ukumkani oya kulawula kwaSirayeli, oya kuyinqamla iphele indlu kaJerobhowam. Uyabona ke ngoku, ngamaqalela ke lawo!

1 Yookumkani 14