1 Yookumkani 11:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon.

8. Wenjenjalo kubo bonke abafazi bakhe abaziintlanga ababesenza iziqhumiso benikela namadini kwizithixo zabo.

9. Ke kaloku uNdikhoyo wakhathazeka ngenxa yesi senzo sikaSolomon, kuba intliziyo yakhe yagwilika kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli owayebonakele kuye kwada kwakabini.

10. Nakuba wamlumkisayo ngokulandela oothixo abangabambi, kodwa uSolomon zange awukhathalele loo myalelo kaNdikhoyo.

11. Ngoko ke uNdikhoyo wathi kuSolomon: “Ngenxa yokuba uziphethe ngolu hlobo, usuke akwawukhathalela umnqophiso nommiselo endakuyala ngawo, ndosuka ndiwukrazule umbuso wakho, ndiwunikele kwelinye lamaphakathi akho.

12. Kambe ke, ngenxa kayihlo uDavide, le nto andiyi kuyenza ngexesha lokudla kwakho ubomi. Ndiya kuwukrazula xa sewusesandleni sonyana wakho.

13. Nalapho ke andiyi kuwukrazula wonke umbuso kuye; yena ndomnika isizwe esinye ngenxa kaDavide isicaka sam, nangenxa yeJerusalem endayinyulayo.”

14. *UNdikhoyo ke wavusela uSolomon utshaba olunguHadadi, umfo wegazi lobukhosi bamaEdom.

15. Kwimihla yamandulo xa uDavide wayesilwa namaEdom, uJowabhi injengele yomkhosi owayeye kufihla abagwaziweyo, wawabulala onke amaEdom.

16. UJowabhi lo, ekunye nawo onke amaSirayeli, wahlala apho iinyanga zantandathu, bada bawatshabalalisa onke amadoda ase-Edom.

17. Ke yena uHadadi lo wayeseyinkwenkwe, waza ke wabalekela eJiputa, ekunye namaphakathi ayekumbuso kayise.

18. Baphuma eMidiyan, bajonga eParan. Baza baphuma apho namadoda athile, baya eJiputa, waza ke ukumkani wakhona wanika uHadadi indlu nomhlaba, wamxhasa ngokutya.

19. Ukumkani lowo ke wakholiseka nguHadadi, ngangokuba ade amendisele udade bomkakhe ogama linguTapanes.

1 Yookumkani 11