1 Yookumkani 11:38-43 Ibhayibhile (XHO96)

38. Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli.

39. Ke sona isizukulwana sikaDavide ndiya kusithoba ngenxa yale nto. Kambe ke, loo nto ayiyi kuhlala injalo.’ ”

40. Ke uSolomon wazama ukubulala uJerobhowam, kodwa ke yena wabalekela eJiputa, kukumkani uShishaki, waza ke wahlala khona wada wasweleka uSolomon.

41. Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon, nayo yonke imisebenzi nobulumko bakhe, nâzo zibhaliwe encwadini yembali kaSolomon.

42. Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem.

43. Waza ke waya kuphumla kooyise, wangcwatywa kwisixeko sikayise uDavide. URehobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

1 Yookumkani 11