1 Yookumkani 1:25-36 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kaloku namhlanje uye kwenza idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, kunye neegusha. Ubamemile bonke oonyana bakho, iinjengele zomkhosi, nombingeleli uAbhiyatare. Ngoku nâbo besela bemana bedanduluka besithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Adoniya!’

26. Phofu ke akammemanga umbingeleli uZadoki, nam sicaka sakho, noBhenaya unyana kaJoyada, kunye noSolomon isicaka sakho.

27. Mhlekazi kumkani, ingaba nguwe lo wenze into enje ungazazisanga izicaka zakho ukuba ngubani na oya kungena ahlale esikhundleni sakho xa ungasekho?”

28. Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni uBhashebha.” Weza ke, wafika wema phambi kokumkani.

29. Ke kaloku ukumkani wafunga wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, yena owandihlangulayo kuzo zonke iinkathazo,

30. inene namhlanje ndiza kuyifezekisa into endakufungela yona ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ndisithi: ‘Unyana wakho uSolomon uya kuba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam.’ ”

31. UBhashebha wavova, ejonge phantsi, waguqa phambi kokumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, mhlekazi kumkani Davide!”

32. Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni umbingeleli uZadoki, *nomshumayeli uNatan, noBhenaya unyana kaJoyada.” Bafika ke phambi kokumkani,

33. waza wathi kubo: “Thathani amaphakathi am, unyana wam uSolomon nimkhwelise kwimbongolo yam, niye eGihon,

34. khona apho ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambise bammisele abe ngukumkani wakwaSirayeli. Ze nivuthele isigodlo, nidanduluke nithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!’

35. Emva koko ke ze nibuye naye, aze kungena ahlale esihlalweni sam, alawule endaweni yam. Ndimtyumbile ukuba abe ngukumkani kwaSirayeli nakwaJuda.”

36. Ke yena uBhenaya unyana kaJoyada wamphendula ukumkani wathi: “Makube njalo! Ngamana watsho noNdikhoyo uThixo wenkosi yam ukumkani!

1 Yookumkani 1