1 Yeziganeko 9:33-44 Ibhayibhile (XHO96)

33. Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.

34. Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.

35. UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka.

36. Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi,

37. uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti.

38. UMikeloti wazala uShimeya. Nabo nenzala yabo bebehlala eJerusalem ngakumawabo.

39. UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi noEshbhali.

40. UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.

41. Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya,

42. noAhazi owazala uYara. UYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza,

43. uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRefaya, uRefaya wazala uElasa, uElasa wazala uAzele.

44. UAzele ebenoonyana abathandathu. Amagama abo nguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan.

1 Yeziganeko 9