27. Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.
28. Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.
29. Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo.
30. Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.
31. UMatitiya, omnye wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayephathiswe uxanduva lokosa izonka zomnikelo.
32. Kumawabo amaKohati bekukho aphathiswe umsebenzi wokosa izonka ebezibekwa etafileni *ngeMihla yokuPhumla.
33. Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.
34. Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.
35. UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka.
36. Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi,
37. uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti.