1 Yeziganeko 9:22-40 Ibhayibhile (XHO96)

22. Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo.

23. Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo.

24. Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi.

25. Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe.

26. Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo.

27. Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.

28. Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.

29. Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo.

30. Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.

31. UMatitiya, omnye wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayephathiswe uxanduva lokosa izonka zomnikelo.

32. Kumawabo amaKohati bekukho aphathiswe umsebenzi wokosa izonka ebezibekwa etafileni *ngeMihla yokuPhumla.

33. Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.

34. Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.

35. UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka.

36. Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi,

37. uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti.

38. UMikeloti wazala uShimeya. Nabo nenzala yabo bebehlala eJerusalem ngakumawabo.

39. UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi noEshbhali.

40. UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.

1 Yeziganeko 9