1 Yeziganeko 7:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. UIsakare wayenoonyana abane: uTola, uPuwa, uYashubhi, noShimron.

2. Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noJeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamweli. Babeziinkulu zezindlu zakwaTola. Ngemihla kaDavide amadoda akwaTola anokungena emkhosini ayengamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amathandathu.

3. Unyana kaUzi nguYezeraya. Oonyana baYezeraya nguMikayeli, no-Obhadiya, noJoweli, noIshiya. Bebonke yayiziinkulu zezindlu.

4. Babenabafazi noonyana abaninzi; inzala yabo ibingamadoda angamashumi amathathu anantandathu anokungena emkhosini.

5. Ewonke amaIsakare ezindlu ngezindlu anokungena emkhosini ayengamashumi asibhozo anesixhenxe samawaka.

6. UBhenjamin wayenoonyana abathathu: uBhela, uBhekere, noYediyali.

7. UBhela wayenoonyana abahlanu abaziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti: uEzebhon, u-Uzi, u-Uziyeli, uJerimoti, noIri. Inzala yabo ibingamadoda angamashumi anambini amawaka anamashumi amathathu anane anokungena emkhosini.

8. Naba oonyana bakaBhekere: nguZemira, noYowashe, noElizere, noEliyohenayi, no-Omri, noJeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlemete.

9. Inzala yabo ngokwezindlu ibingamadoda angamashumi amabini amawaka anamakhulu amabini anokungena emkhosini.

10. UYediyali wazala uBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguJewushe, noBhenjamin, noEhude, noKenana, noZetan, noTashishe, noAhishare.

11. Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.

1 Yeziganeko 7