6. u-Uzi wazala uZeraya, uZeraya wazala uMerayoti,
7. uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,
8. uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimazi,
9. uAhimazi wazala uAzariya, uAzariya wazala uYohanan.
10. UYohanan wazala uAzariya lo wayengumbingeleli ngexesha lokwakhiwa kwendlu kaThixo nguSolomon eJerusalem.
11. UAzariya wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,
12. uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uShalum,
13. uShalum wazala uHilekiya, uHilekiya wazala uAzariya,
14. uAzariya wazala uSeraya, uSeraya wazala uYozadaki.
15. UYozadaki lo wafuduswa nabemi bakwaJuda neJerusalem basiwa ekuthinjweni ngokuya *uNdikhoyo wayebathumele ngoNebhukadenezare.
16. Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari.
17. Naba oonyana bakaGershon: nguLibheni noShimeyi.
18. Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.
19. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi.Nazi iinkulu zezindlu zabakwaLevi ngokuzana kwazo izizukulwana ngezizukulwana:
20. Kwindlu kaGershon inkulu nguLibheni, ibe nguYahati, uZima,
21. uJowa, uIdo, uZera, noYaterayi.