52. uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,
53. uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.
54. Nantsi imihlaba eyanikwa inzala ka-Aron wendlu yakwaKohati. Banikwe isabelo sokuqala kwiindawo ezabelwe abaLevi *ngeqashiso.
55. Banikwa iHebron ezweni lakwaJuda kunye namadlelo ayo.
56. Ke wona amasimi aseHebron kunye neelali eziyingqongileyo zanikwa uKalebhi unyana kaJefune.