1 Yeziganeko 6:50-60 Ibhayibhile (XHO96)

50. Naba oonyana baka-Aron: uAron wazala uElazare, uElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa,

51. uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, u-Uzi wazala uZeraya,

52. uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,

53. uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.

54. Nantsi imihlaba eyanikwa inzala ka-Aron wendlu yakwaKohati. Banikwe isabelo sokuqala kwiindawo ezabelwe abaLevi *ngeqashiso.

55. Banikwa iHebron ezweni lakwaJuda kunye namadlelo ayo.

56. Ke wona amasimi aseHebron kunye neelali eziyingqongileyo zanikwa uKalebhi unyana kaJefune.

57. Nazi ke iidolophu namadlelo azo ezanikwa oonyana baka-Aron: iHebron (eyayisisixeko sokuphephela), iLibhena, iYatire, iEshtamowa,

58. iHilen, iDebhiri,

59. iAshan, neBhete-shemeshe.

60. Esizweni sakwaBhenjamin banikwa ezi dolophu zinamadlelo azo: iGebha, iAlemete, neAnatoti. Zizonke ezi dolophu ezazinikwe amaKohati bezilishumi elinantathu.

1 Yeziganeko 6