25. Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti,
26. ibe ngunyana ka-Ahimoti uElikana, ibe ngunyana wakhe uZofayi, ibe nguNahati,
27. uEliyabhi, uJeroham, uElikana, [noSamweli],
28. ibe ngoonyana bakaSamweli, [uJoweli] owamazibulo noAbhiya umninawa wakhe.
29. Kwindlu kaMerari inkulu nguMali, ibe nguLibheni, uShimeyi, u-Uza,
30. uShimeya, uHagiya, noAsaya.
31. Aba ngâbo ukumkani uDavide wabaphathisa umbandela weengoma *esibingelelweni *sikaNdikhoyo emva kokuba ityesi yomnqophiso yazinziswa khona.