1 Yeziganeko 6:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti,

26. ibe ngunyana ka-Ahimoti uElikana, ibe ngunyana wakhe uZofayi, ibe nguNahati,

27. uEliyabhi, uJeroham, uElikana, [noSamweli],

28. ibe ngoonyana bakaSamweli, [uJoweli] owamazibulo noAbhiya umninawa wakhe.

29. Kwindlu kaMerari inkulu nguMali, ibe nguLibheni, uShimeyi, u-Uza,

30. uShimeya, uHagiya, noAsaya.

31. Aba ngâbo ukumkani uDavide wabaphathisa umbandela weengoma *esibingelelweni *sikaNdikhoyo emva kokuba ityesi yomnqophiso yazinziswa khona.

1 Yeziganeko 6