18. Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.
19. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi.Nazi iinkulu zezindlu zabakwaLevi ngokuzana kwazo izizukulwana ngezizukulwana:
20. Kwindlu kaGershon inkulu nguLibheni, ibe nguYahati, uZima,
21. uJowa, uIdo, uZera, noYaterayi.
22. Kwindlu kaKohati inkulu nguAminadabhi, ibe nguKora, uAsire,
23. uElikana, uAbhiyasafu, uAsire,
24. uTahati, u-Uriyeli, u-Uziya, noShawule.
25. Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti,
26. ibe ngunyana ka-Ahimoti uElikana, ibe ngunyana wakhe uZofayi, ibe nguNahati,