1 Yeziganeko 6:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. uShalum wazala uHilekiya, uHilekiya wazala uAzariya,

14. uAzariya wazala uSeraya, uSeraya wazala uYozadaki.

15. UYozadaki lo wafuduswa nabemi bakwaJuda neJerusalem basiwa ekuthinjweni ngokuya *uNdikhoyo wayebathumele ngoNebhukadenezare.

16. Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari.

17. Naba oonyana bakaGershon: nguLibheni noShimeyi.

18. Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.

19. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi.Nazi iinkulu zezindlu zabakwaLevi ngokuzana kwazo izizukulwana ngezizukulwana:

20. Kwindlu kaGershon inkulu nguLibheni, ibe nguYahati, uZima,

21. uJowa, uIdo, uZera, noYaterayi.

22. Kwindlu kaKohati inkulu nguAminadabhi, ibe nguKora, uAsire,

23. uElikana, uAbhiyasafu, uAsire,

24. uTahati, u-Uriyeli, u-Uziya, noShawule.

25. Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti,

1 Yeziganeko 6