1. Naba oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli. (Ke wahluthwa ubuzibulo bakhe kuba wasixabhela isilili sikayise, baza ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaJosefu unyana kaSirayeli. Emilibeni yokuzalwa akasabalwa ke ukuba ungowamazibulo.
2. Ke ngoko, nangona uJuda athe wabalasela kunabantakwabo kangangokuba kwada kwaphuma ukumkani kuye, bona ubuzibulo banikwa uJosefu.)
3. Naba ke oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli: nguHanoki, uPalu, uHezeron, noKarmi.
4. Nantsi inzala kaYoweli. UYoweli wazala uShemaya, uShemaya wazala uGogi, uGogi wazala uShimeyi,
5. uShimeyi wazala uMika, uMika wazala uRaya, uRaya wazala uBhali,
6. uBhali wazala uBheyera owafuduswa nguTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya. UBheyera lo ebesisikhulu samaRubhen.