1 Yeziganeko 4:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara.

6. UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari.

7. Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan,

8. noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.

9. UYabheze wayedumile kunabantakwabo. Unina wamthiya eli gama linguYabheze esithi: “Kaloku ndimzele ngokubulaleka yintlungu yenimba.”

10. UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.

11. UKelubhi, umntakwabo-Shuwa, wazala uMeyire, uyise kaEshton.

12. UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.

13. Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi],

1 Yeziganeko 4