1 Yeziganeko 4:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. UPenuweli, ukhokho weGedore, kunye noEzere, ukhokho weHusha, babeyinzala kaYuri, owayengamazibulo kamka-Kalebi uEfrata, ukhokho weBhetelehem.

5. UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara.

6. UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari.

7. Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan,

8. noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.

9. UYabheze wayedumile kunabantakwabo. Unina wamthiya eli gama linguYabheze esithi: “Kaloku ndimzele ngokubulaleka yintlungu yenimba.”

10. UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.

11. UKelubhi, umntakwabo-Shuwa, wazala uMeyire, uyise kaEshton.

12. UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.

13. Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi],

1 Yeziganeko 4