1 Yeziganeko 4:16-36 Ibhayibhile (XHO96)

16. Naba oonyana bakaYehaleleli: nguZifi, uZifa, uTiriya, noAsareli.

17-18. Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. UMerede wathatha uBhitiya, intombi yokumkani waseJiputa, baza bazala intombi enguMiriyam noonyana abanguShamayi noIshbha. UIshba lo ngukhokho weZanowa. UMerede wathatha iqadi kwindlu yakwaJuda, lazala uJerede ukhokho weGedore, noHebhere ukhokho weSoko, noYekutiyeli ukhokho weZanowa.

19. UHodiya wathatha udade boNaham, ukhokho weKehila. Oonyana bakhe nguGarmi noEshtemowa waseMahaka.

20. Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.

21. Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,

22. noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.

23. Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.

24. Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.

25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.

26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.

27. UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda.

28. Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali,

29. naseBhileha, nase-Ezem, naseToladi,

30. naseBhetuweli, naseHoma, naseZikelage,

31. naseBhete-markabhoti, naseHazare-susim, naseBhete-bhiri, naseSharayim. Zizo ezo ke iilali apho yayihlala khona indlu yakwaSimon de uDavide waba ngukumkani.

32. Babehlala nakwezinye iindawo ezintlanu: e-Etam, eAyin, eRimon, eToken, naseAshan,

33. kwanasezilalini eziphahle ezo ndawo, kude kuye kutsho kwaBhali. Zizo ezo ke iindawo ababehlala kuzo, begcina imilibo yokuzalwa.

34. Nazi ke iintloko zezindlu: UMeshobhabhi; noYamleki; noYosha, unyana ka-Amaziya;

35. noYoweli; noYehu, unyana kaYoshibhiya kaSeraya ka-Asiyeli;

36. noEliyohenayi; noYakobha; noYeshohaya; noAsaya; noAdiyeli; noJesimiyeli; noBhenaya;

1 Yeziganeko 4