1 Yeziganeko 4:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Oonyana bakaJuda nguPerezi noHezeron, noKarmi, noYuri, noShobhali.

2. URaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati, uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Zizo ezo ke izindlu zamaZora.

3. Oonyana bakaEtam nguYizereli, noIshma, noIdebhashe. Igama lodade wabo nguHazeleleponi.

4. UPenuweli, ukhokho weGedore, kunye noEzere, ukhokho weHusha, babeyinzala kaYuri, owayengamazibulo kamka-Kalebi uEfrata, ukhokho weBhetelehem.

5. UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara.

6. UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari.

7. Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan,

8. noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.

17-18. Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. UMerede wathatha uBhitiya, intombi yokumkani waseJiputa, baza bazala intombi enguMiriyam noonyana abanguShamayi noIshbha. UIshba lo ngukhokho weZanowa. UMerede wathatha iqadi kwindlu yakwaJuda, lazala uJerede ukhokho weGedore, noHebhere ukhokho weSoko, noYekutiyeli ukhokho weZanowa.

1 Yeziganeko 4