3. uElam, uYohanan, noEliyehunayi.
6. Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.
7. Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.
8. Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.
9. Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.
12. La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.