12. La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.
13. Amaqela la ĂȘnza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.
14. Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla.
15. Iqashiso likaObhedi-edom laba lelokugada isango langasezantsi, eloonyana bakhe laba lelokugada oovimba.
16. ElooShupim noHosa iqashiso laba lelokugada isango elingasentshonalanga kunye nesango leShalekethe endleleni enyukayo. Abagadayo babengamaqela alandelanayo.
17. Mihla le abaLevi abagada ngasempumalanga babebathandathu, bebane ngasentla, bebane nangasezantsi. Koovimba abalindi aba babegada ngababini ngababini.
18. Kwinkundla yangasentshonalanga babebane endleleni, babe babini enkundleni phakathi.
19. Ngawo lawo ke amaqela abagcini-masango abayinzala kaKora nabayinzala kaMerari.
20. Amawabo abaLevi ayongamele oovimba bendlu kaThixo noovimba bokugcina izinto ezingcwele.
21. ULadan, unyana kaGershon, wazala uYehiyeli nabanye oonyana ababeziinkulu zezindlu.
22. Oonyana bakaYehiyeli, uZetam nomninawa wakhe uJoweli, babongamele oovimba bendlu *kaNdikhoyo.
23. Bekukho nama-Amram, amaIzare, amaHebron, namaUziyeli aphathiswe imisebenzi ethile.
24. UShebhuweli umzukulwana kaGershom unyana kaMosis ebengunondyebo wendlu kaThixo.
25. UShebhuweli wayezalana noShelomiti. Kaloku uElizere, umntakwabo-Gershom, wazala uRabhiya, uRhabhiya wazala uYeshaya, uYeshaya wazala uYoram, uYoram wazala uZikri, uZikri wazala uShelomiti.
26. UShelomiti lo nezizukulwana zakhe wayongamele zonke izipho ezazinikelwe kuThixo ngukumkani uDavide neenkulu zezindlu namanye amadoda amakhulu awayeziingqwayi-ngqwayi nezithwala-ndwe zomkhosi.
27. Kaloku la madoda ayethathe inxalenye yamaxhoba emfazwe, anikela ngawo khon' ukuze indlu kaThixo ibe nokulungiswa.
28. Yonke into eyayinikelwe *ngumshumayeli uSamweli, nokumkani uSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noJowabhi unyana kaZeruya, nayiphi na enye into eyayinikelwe, yayisesandleni sikaShelomiti nezizalwane zakhe.