1 Yeziganeko 24:14-26-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. eleshumi elinesihlanu noBhilega,eleshumi elinesithandathu noImere,

15. eleshumi elinesixhenxe noHezire,eleshumi elinesibhozo noHapizere,

16. eleshumi elinethoba noPetaya,elamashumi amabini noYezekeli,

17. elamashumi amabini ananye noJakin,elamashumi amabini anambini noGamuli,

18. elamashumi amabini anantathu noDelaya,nelamashumi amabini anane noMaziya.

19. Lulo olo ke uluhlu lokusebenzisana kwabo ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo ngokwemimiselo abayinikwa ngukhokho wabo uAron ethobela umyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

20. Nazi ke ezinye iinkulu zezindlu zakwaLevi:koonyana baka-Amram nguShubhayeli,koonyana bakaShubhayeli nguYedeya,

21. koonyana bakaRehabhiya inkulu nguIshiya,

22. kumaIzare nguShelomoti,koonyana bakaShelomoti nguYahati,

23. koonyana [bakaHebron] nguJeriya inkulu, ibe nguAmariya owesibini, noYeziyeli owesithathu, noYekamam owesine,

24. koonyana bakaUziyeli nguMika,koonyana bakaMika nguShamire,

25. koonyana bakaIshiya, umntakwabo-Mika, nguZekariya,

26-27. koonyana bakaMerari nguMali noMushi,koonyana bakaYaziya, unyana kaMerari, nguBheno, noShoham, noZakure, noHibri,

1 Yeziganeko 24