1. Ke kaloku uthe akukhula, xa seleyindoda enkulu, uDavide wabeka unyana wakhe uSolomon wangukumkani kwaSirayeli.
2. Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi.
3. Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4. UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.
5. Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”
6. UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.
7. Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi.
10-11. Oonyana bakaShimeyi bane: nguYahati owamazibulo, kulandele uZina, ibe nguJewushe noBheriya. Ke uJewushe noBheriya babengenanyana baninzi, yaza inzala yabo yabalelwa ekubeni yindlu enye.