1. Ke kaloku uthe akukhula, xa seleyindoda enkulu, uDavide wabeka unyana wakhe uSolomon wangukumkani kwaSirayeli.
2. Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi.
3. Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4. UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.
5. Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”
6. UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.
7. Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi.
8. Oonyana bakaLadan bathathu: nguYehiyeli owamazibulo, ibe nguZetam noJoweli.
9. Oonyana bakaShimeyi nabo bathathu: nguShelimoti, noHaziyeli, noHaran. Zizo ezo ke iinkulu zezindlu zakwaLadan.
10-11. Oonyana bakaShimeyi bane: nguYahati owamazibulo, kulandele uZina, ibe nguJewushe noBheriya. Ke uJewushe noBheriya babengenanyana baninzi, yaza inzala yabo yabalelwa ekubeni yindlu enye.
12. Oonyana bakaKohati bane: nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.
13. Oonyana baka-Amram nguAron noMosis. UAron nenzala yakhe bachongwa ukuba bagcine izinto ezingcwele zonqulo, bamkhonze uNdikhoyo, bemenzela iziqhumiso, besikelela abantu egameni lakhe kude kube ngunaphakade.
14. Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.