Ke yena uJowabhi wathi: “Ngamana *uNdikhoyo wabandisa kalikhulu abantu bakhe. Mhlekazi kumkani, asingobakho bonke na aba bantu? Ngani ke, mhlekazi, ukuba ufune ukwenza into enje? Ngani ukuba umhlekazi azisele uSirayeli ityala?”