1 Yeziganeko 21:13-15 Ibhayibhile (XHO96)

13. UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele ndiwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”

14. Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli, kwaza kwafa amadoda angamashumi asixhenxe amawaka.

15. UThixo wathumela isithunywa sakhe ukuze sitshabalalise iJerusalem, kodwa ke sithe sisawenza loo msebenzi, uNdikhoyo wathi akuyibona loo ntlekele suka wazijika iimbono zakhe, wasinqanda ukuze singabatshabalalisi abantu, wathi: “Kwanele, sirhoxise isandla sakho!” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa eso sasimi ngasesandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

1 Yeziganeko 21