1 Yeziganeko 2:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Naba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uZebhulon,

2. uDan, uJosefu, uBhenjamin, uNafetali, uGadi, noAshere.

3. Oonyana bakaJuda nguEre, no-Onan, noShela, oonyana abathathu abazelwe ngumKananakazi uBhashuwa. Ke uEre, amazibulo kaJuda, zange amkholise *uNdikhoyo, waza wambulala.

4. UTamare, umolokazana kaJuda, wamzalela uPerezi noZera. Bebonke ke oonyana bakhe babebahlanu.

5. Oonyana bakaPerezi nguHezeron noHamuli.

6. Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHeman, noKalkoli, noDara. Bebonke babebahlanu.

7. Unyana kaKarmi nguAkana, lowo wawahlisela inkathazo amaSirayeli, wenza ubuqhophololo ngokuwathathela kuye amaxhoba awayefanele ukutshatyalaliswa.

8. Unyana kaEtan nguAzariya.

9. Oonyana bakaHezeron nguJerameli, noRam, noKelubhayi.

10. URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda.

1 Yeziganeko 2