Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza.