7. UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayephathwa ngamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.
8. Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neKun, uDavide wathimba intaphane yobhedu olwasetyenziswa nguSolomon xa wayesenza ichibi lobhedu, iintsika, kwanezinye izinto ezazenziwe ngobhedu.
9. Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyu iindaba zokoyiswa nguDavide komkhosi wokumkani waseZobha uHadadizere.
10. Wandulula unyana wakhe uHadoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyu. UHadoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11. Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.
12. Ke uAbhishayi unyana kaZeruya wabulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa.
13. Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
14. Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.
15. UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.
16. Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uShavesha yena engunobhala.
17. UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengamaphakathi kakumkani aphambili.