1 Yeziganeko 17:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.

20. “Akakho onjengawe, Ndikhoyo, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

21. Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze uzenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.

22. Waza ke amaSirayeli wawenza abantu bakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.

23. “Ngoku ke, Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso masibe njalo ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho,

24. ukuze sona sizinze, negama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo uSomandla, uThixo kaSirayeli, nguye uThixo wakhe.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.

25. “Wena Thixo wam, usithyilele isicaka sakho ukuba uya kusakhela indlu. Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokuthandaza kuwe.

26. Wena Ndikhoyo, unguThixo! Isicaka sakho esi usenzele esi sithembiso sihle kangakanana.

27. Wena ubone kufanelekile ukuba uyithamsanqele indlu yesicaka sakho esi, ukuze ihlale ikukhonza njalo. Kaloku wena Ndikhoyo, uyithamsanqele, ngoko ke yothamsanqeleka ngonaphakade!”

1 Yeziganeko 17