28. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
29. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.
30. Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
31. Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.
32. Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.
33. Mayombele imithi emahlathini, ibe nemihlali phambi koNdikhoyo,kuba uyeza uNdikhoyo – uza kuligweba ihlabathi.
34. Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
35. Hlahlambani nithi: “Sisindise, Thixo onguMsindisi wethu!Siqokelele usihlangule phakathi kweentlanga,ukuze sikubulele, silibonge igama lakho elingcwele.”
36. Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayelikususela ngoku kude kube nini-nini!Ke kaloku bonke abantu bathi: “Huntshuu! Makabongwe uNdikhoyo!”
37. Ke kaloku uDavide wamshiya apho phambi kwetyesi kaNdikhoyo uAsafu namahlakani akhe ukuze basoloko belungiselela ngokweemfuneko zemini nganye.
38. Kananjalo wamshiya no-Obhedi-edom namahlakani akhe angamashumi amathandathu ukuze nabo balungiselele. UObhedi-edom, unyana kaJedutun, kunye noHosa, yayingabagcini-masango.
39. Umbingeleli uZadoki namahlakani akhe uDavide wabashiya esibingelelweni sikaNdikhoyo kwindawo yonqulo eGibheyon,
40. ukuze bahlale besenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo kwelo qonga lamadini atshiswayo, loo nto ke beyenza kusasa, nasemalanga, ngokwemimiselo yonke ebhalwe encwadini yomthetho kaNdikhoyo leyo wayinikezela kuSirayeli.
41. Apho kubo ke washiya noHeman noJedutun nabo bonke ababenyuliwe bakhankanywa ukuze benze imibulelo kuNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo.
42. UHeman noYedutun ngabo ababemiselwe ukuhlokomisa amaxilongo namacangci kananjalo badlale nezinye izikhalisi zeengoma zokudumisa uThixo. Ke bona oonyana bakaYedutun bamiselwa isango.
43. Ke kaloku bonke abantu bemka, yangulowo nalowo wagoduka. NoDavide ke wagoduka, waya kuthamsanqela usapho lwakhe.