1 Yeziganeko 15:9-24 Ibhayibhile (XHO96)

9. abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;

10. abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.

11. UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi.

12. Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona.

13. Kwakungenxa yokuba yayingeziswanga nini baLevi kuqala, ukuze nje uNdikhoyo uThixo wethu asivukele ngomsindo. Sasingazange sibuzise kuye ngendlela efanelekileyo yokuyizisa.”

14. Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15. AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.

16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.

17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,

18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.

19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.

20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,

21. kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi.

22. UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.

23. UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

24. Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

1 Yeziganeko 15