1 Yeziganeko 15:4-17 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:

5. Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;

6. abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;

7. abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;

8. abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;

9. abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;

10. abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.

11. UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi.

12. Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona.

13. Kwakungenxa yokuba yayingeziswanga nini baLevi kuqala, ukuze nje uNdikhoyo uThixo wethu asivukele ngomsindo. Sasingazange sibuzise kuye ngendlela efanelekileyo yokuyizisa.”

14. Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15. AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.

16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.

17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,

1 Yeziganeko 15