2. UDavide wathi: “Le tyesi kaThixo ayinakuthwalwa mntu wumbi ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo abanyulwayo *nguNdikhoyo ukuze bayithwale balungiselele endlwini yakhe kude kube ngunaphakade.”
3. UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona.
4. Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:
5. Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;
6. abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;
7. abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;
8. abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;
9. abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;
10. abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.