1 Yeziganeko 15:14-29 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15. AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.

16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.

17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,

18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.

19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.

20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,

21. kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi.

22. UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.

23. UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

24. Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

25. Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili

26. ngenxa yokuba uThixo ebancedile abaLevi ababethwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwenziwa umbingelelo ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.

27. Ke uDavide nabaLevi ababethwele ityesi, ngokunjalo neemvumi kunye noKenaniya owayengumphathi-kwayala, bonke babethe wambu iminweba yelinen entle kunene. Kananjalo ke uDavide wayefake *nesidanga esenziwe ngelinen.

28. Ngoko ke wonke uSirayeli waya kuyithatha wayibuyisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, ehamba ekhwaza ekhalisa nezigodlo zenkunzi yegusha, amaxilongo, amacangci, iihapu, nemirhubhe.

29. Ekungeneni kwabo netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide uMikali intombi kaSawule wayebukele, ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa ebhiyoza, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.

1 Yeziganeko 15