1 Yeziganeko 15:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15. AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.

16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.

17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,

18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.

19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.

20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,

1 Yeziganeko 15