1 Yeziganeko 15:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kokuba uDavide ezenzele izakhiwo kwisixeko sikaDavide, walungisa indawo yokuhlala ityesi kaThixo, waza wamisa intente ukuze ihlale kuyo.

2. UDavide wathi: “Le tyesi kaThixo ayinakuthwalwa mntu wumbi ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo abanyulwayo *nguNdikhoyo ukuze bayithwale balungiselele endlwini yakhe kude kube ngunaphakade.”

3. UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona.

4. Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:

5. Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;

6. abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;

7. abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;

8. abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;

9. abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;

1 Yeziganeko 15