1 Yeziganeko 12:36-40 Ibhayibhile (XHO96)

36. awakwa-Ashere, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amane amawaka;

37. awangaphesheya kweJordan, kwaRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase, izinto ezixhobe ngeendidi zonke, yayingamawaka alikhulu namashumi amabini.

38. Onke la yayingamajoni azinikelayo ukuze angene emabuthweni. Wona aya eHebron ezimisele ukuba uDavide amenze ukumkani phezu kwakhe ewonke uSirayeli. Ewe, amaSirayeli xa ewonke jikelele ayemoya mnye wokuba uDavide abe ngukumkani wawo.

39. Loo madoda ke ahlala iintsuku zantathu apho esitya esela oko akulungiselelwe ngamawabo.

40. Kaloku noogxa bawo ababevela kwaIsakare, kwaZebhulon, nakwaNafetali, beza nokutya, bekuthwele ngeedonki, iinkamela, iimeyile, neenkabi zeenkomo. Ukutya kwakudlal' abantwana: umgubo wengqolowa, amaqebengwane amakhiwane naweerasentyisi, iwayini, amafutha omnquma, iinkomo, neegusha. Kaloku yayiyimincili kwaSirayeli.

1 Yeziganeko 12