27. ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,
28. noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
29. awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;
30. awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;
31. awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;
32. awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;
33. awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;
34. awakwaNafetali yayiliwaka lamagosa kunye nezinto eziphath' ikhaka nomkhonto, zingamashumi amathathu anesixhenxe amawaka;
35. awakwaDan, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amabini anesibhozo amawaka namakhulu amathandathu;
36. awakwa-Ashere, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amane amawaka;
37. awangaphesheya kweJordan, kwaRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase, izinto ezixhobe ngeendidi zonke, yayingamawaka alikhulu namashumi amabini.
38. Onke la yayingamajoni azinikelayo ukuze angene emabuthweni. Wona aya eHebron ezimisele ukuba uDavide amenze ukumkani phezu kwakhe ewonke uSirayeli. Ewe, amaSirayeli xa ewonke jikelele ayemoya mnye wokuba uDavide abe ngukumkani wawo.
39. Loo madoda ke ahlala iintsuku zantathu apho esitya esela oko akulungiselelwe ngamawabo.