1. La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini.
2. Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda endlu kaBhenjamin, izizalwana zikaSawule.
3. Ewe, la madoda iingqwayi-ngqwayi zawo yayinguAhizene noYowashe, oonyaba bakaShemawa waseGibheya; wona inguYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; uBheraka, uYehu waseAnatoti,
4. noIshmaya waseGibheyon, igorha kulaa mashumi mathathu elaliyingqwayi-ngqwayi yawo; uJeremiya, uYaziyeli, uYohanan, uYozabhadi waseGedera,
5. uEluzayi, uJerimoti, uBheliya, uShemariya, noShefatiya umHarufi,
6. uElikana, uYeshiya, uAzarele, uYowezere, noYashobhewam, amaKora;