8. Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi.
9. UDavide ke waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo onamandla onke wayenaye.
10. Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.
11. Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
12. Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.