29. uSibhekayi waseHusha, uIlayi waseAhoyi,
30. uMaharayi waseNetofa, uHelede unyana kaBhana waseNetofa,
31. uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin, uBhenaya wasePiraton,
32. uHurayi wamaxandeka aseGahashe, uAbhiyeli waseBhete-arabha,
33. uAzemavete waseBhawurim, uEliyabha waseShalebhon,
34. oonyana bakaHashem waseGizon, uJonatan unyana kaShage waseHarari,
35. uAhiyam unyana kaSakare waseHarari, uElifali unyana kaUre,
36. uHefere waseMekera, uAhija wasePelon,
37. uHezero waseKarmele, uNarayi unyana kaEzebhayi,
38. uJoweli umtakwabo-Natan, uMibhare unyana kaHagri,
39. uZeleki umAmon, uNaharayi waseBheroti, umphathi-zikrweqe zikaJowabhi unyana kaZeruya,
40. uIra waseItri, uGarebhe waseItri,
41. u-Uriya umHeti, uZabhadi unyana ka-Alayi,
42. uAdina unyana kaShiza, umRubhen owayeyinkulu yamaRubhen, enamadoda angamashumi amathathu kunye naye,
43. uHanan unyana kaMahaka, uYoshafati waseMeten,